Logo Lanfrica

Wandenza Umama!

Domaine:

natural language processing

Type de record:

media
Créateur:
Yon
Éditeur:
UJ
Hôte:
Eli bali yinoveli yolwimi lwesiXhosa elakhelwe kumaphandle aseDutywa, libhentsisa inyani ebuhlungu eyenzeka kumakhaya ethu—kuquka amanyala nokunyanzeliswa kwabantu emtshatweni bengazani bengathandani. Nangona mandulo oku kwakwamkelekile njengesithethe sakwaNtu, namhlanje kuyila iyantlukwano kwakunye neziphumo ezibi nezibuhlungu. Kule ncwadi kulahleka imiphefumlo engenatyala ngenxa yezigqibo ezithathwa ngaphandle kwemvume yabachaphazelekayo. Ibali elivusa iingqondo nelilumkisayo—mandikuyeke mfundi uzifundele. UYonela Rautini ngumbhali weenoveli zolwimi lwesiXhosa ogxile ekubhaleni amabali achukumisa intlalo yoluntu, amasiko, kunye nemiceli-mngeni ejongene nabantu bale mihla. Umsebenzi wakhe ujonge ukuvusa iingqondo, ukugcina ulwimi lwesiXhosa luphila, nokukhuthaza incoko ebalulekileyo malunga neenguqu kuluntu lwethu.